Размер видео: 1280 X 720853 X 480640 X 360
Показать панель управления
Автовоспроизведение
Автоповтор
Lyrics pls
UYesu uya kulawulaAph’ ilanga liiambayo;Both’ ubukumkani baKheBuzalise zonk’ iindawo;Zid’ iinyanga zingathwasi,Neminyaka ingapheli.Iintandazo ngeentandazoZohlokoma ngenxa yaKhe;Zonyukela iindumisoZibe sisitshaba saKhe;Kuqhunyiswe amadiniOkuqhol’ igama laKhe.Boluncom’ uthando lwaKhe,Ngaz’ iingoma ezimnandi;Zithi zonk’ iilwimi zabo,Zitsholoze okumnandi;Kuvakal’ amazw’ eentsana,Ehlokoma kwa ngesandi.Kozalis’ iintsikeleloAph’ uYes’ alawulayo;Amakhonkxwa akhululwe ,Awe amakhamandela;Aphunyuzw’ odiniweyo,Aneliswe osweleyo.Izidalwa ezikhoyo,Ma ziguqe phambi kwaKheZibe zeziqhayisayo,Ngaw’ amandl’ ofefe lwaKhe;Zidibane nabezulu,Ngokumnik’ udumo lwaKhe.
Lyrics pls
UYesu uya kulawula
Aph’ ilanga liiambayo;
Both’ ubukumkani baKhe
Buzalise zonk’ iindawo;
Zid’ iinyanga zingathwasi,
Neminyaka ingapheli.
Iintandazo ngeentandazo
Zohlokoma ngenxa yaKhe;
Zonyukela iindumiso
Zibe sisitshaba saKhe;
Kuqhunyiswe amadini
Okuqhol’ igama laKhe.
Boluncom’ uthando lwaKhe,
Ngaz’ iingoma ezimnandi;
Zithi zonk’ iilwimi zabo,
Zitsholoze okumnandi;
Kuvakal’ amazw’ eentsana,
Ehlokoma kwa ngesandi.
Kozalis’ iintsikelelo
Aph’ uYes’ alawulayo;
Amakhonkxwa akhululwe ,
Awe amakhamandela;
Aphunyuzw’ odiniweyo,
Aneliswe osweleyo.
Izidalwa ezikhoyo,
Ma ziguqe phambi kwaKhe
Zibe zeziqhayisayo,
Ngaw’ amandl’ ofefe lwaKhe;
Zidibane nabezulu,
Ngokumnik’ udumo lwaKhe.